


Owelwe ngumq'esandleni kukhuphiswano lwe-8 ngu-:

SINDISWE NGQOKO,
eKokstad .
INTSOMI KAMAKAZ' UBARBARA
Molweni bantwana! Ibali endifuna ukunibalisela lona kule nyanga lithi:
LUMKELA IGQWIRHA LOMBONA. Ndiyathemba ukuba niza kulonwabela.





BANTWANA! ZIZUZELENI IR50!
Nanku umdlalo omnandi oza kuphucula isiNgesi senu. Ezinye iimpendulo zilula,
ezinye ziza kufuna nicingisise. Sinenzele umzekelo wamnye ukuninceda
niqalise. Nakuzibhala zonke iimpendulo, zalisani ifomu yokungenela nize nisike
ifunword kunye nefomu yokungenela nizithumele kwidilesi ethi: BONA
FUNWORD NO. 10, Box 32067, Mobeni, 4060. Umhla oluvalwa ngawo olu
khuphiswano ngowama-25 ku-Oktobha , 1996. ingenelo lokuqala elichanileyo
eliya kutsalwa ngalo mhla liya kuzuza i-R50 ! Siza kuzipapasha iimpendulo
zoKhuphiswano lwe-10 kunye negama lophumeleleyo kwiBona ka-Disemba .
Nanga ninganethamsanqa!



























Kwakukho inkosi esisityebi egama linguThabo eyayineentombi ezintathu, uDudu, uBongi noThembi. Yayiyindoda exakeke kakhulu kwaye emva kokuswelekelwa yinkosikazi wawusenziwa ziintombi zayo umsebenzl wekhaya xa iphume ngomsebenzi.
Umafungwashe wayo, uDudu, wayehoye oodadewabo ababini abancinci kwaye inkosi yayingazi ukuba ngoyena ulivila.
Nangona kunjalo yayisoloko imncoma, impha izipho kwaye imenzela izinto ngaphezu kwabanye kuba yayikholelwa ekubenl ngoyena wenza okusemandleni akhe ukuyanelisa.
Ngubani owayenokuyithela nqa? Kaloku xa ibuya ekhaya yayisoloko ifika inguDudu oyilindileyo, eqhayisa nangendlela asebenze nzima ngayo ngethuba oodadewabo bebelibele kukudlala bengenzi nto.
Nanjengoko uDudu wayengomdala -elulame okwegusha - uyise wayekholelwa kuye kwaye babesithi uBongi noThembi xa bemphikisa abagxolise kanobom uyise.
Ningathini ukuthi lixoki udadewenu? Benimele nibulele ukuba nodade onjengoDudu onikhathalele kangaka. Nganiyintoni ukuba ebengenabubele nabuntu, kwaye engenzi konke okusemandleni akhe ukunikhathalela? watsho ebangxolisa.
Ngenye imini inkosi yathi kuDudu:
Kusebusika ngoku kwaye kufuneka kuvunwe umbona. Nceda uqinisekise ukuba kuyenzeka oko kuba mna ndisahamba.
Ndiza kwenza njalo tata. Uyazi ukuba ungakholosa ngam, watsho uDudu
ebonakalisa ukuthembeka ebusweni.. Uthe akuhamba uyise uDudu wayalela
oodadewabo ukuba bawuvune ngokwabo umbona. Xa ningakhawulezisi andizokunipha ukutya nobabini ngokuhlwa nje! watsho ebagrogrisa.
Ngethuba evuna amantombazana uDudu wayengqengqe emthunzini phantsi komthi, ecinga ngezipho aza kuziphathelwa nguyise akubuya. Ngelo xesha igqwirha lombona -elaliyindoda ebhityileyo enentshebe ende, iindlebe ezinkulu nekepsi emthubi etsolo -lalibabukele.
Lawasizela la mantombazana mabini mancinci labona ukuba malimfundise isifundo uDudu.
Emva kweentsuku ezimbalwa ukubuya kwenkosi, uDudu wayisa eshedini nalapho umbona wawugcinwe khona. Konke oku ndikwenze ndedwa tata. Ndiyathemba ukuba wanelisekile, waphosisa uDudu.
Ndanelisekile ntombam. Ndiyabona ukuba usebenze ngamandla. Yiza, uzokubona isipho endikuphathele sona, yatsho inkosi.
Kodwa bathe ngaphambi kokuba baphume kwakho nto isebezayo emboneni:
Ndiyakuvela Dudu, Ndiyakuvela Uyivile loo nto tata? wabuza uDudu
livakala ilizwi lakhe ukuba uyoyika. Hayi ntombam, andivanga nto.
Mhlawumbi zindlebe zakho. Yiza siye endlwini.
Kodwa wamlandela ndawo yonke uDudu
usebe-sebe kwaye wayengaviwa mntu ngaphandle kwakhe: Ndiyakuvela Dudu, Ndiyakuvela!
Akazange abe nako ukuwunyamezela uDudu waza wagqiba kwelokuba amxelele inyani utata wakhe. lndlela acaphuka ngayo uyise ayithetheki kwaye ukusukela loo mini wayeka ukuba yeyona ntandane kayise.
UDudu wafunda ukuba akulunganga ukuxoka ingakumbi ukuqhayisa ngomsebenzl angawenzanga ngokwakhe.
Ewe, usebe-sebe wasemboneni wamluleka uDudu..

likotshwe : kuTHOKO MKHIZE.









unwanted pregnancies
Umthetho Ukwenza umyolelo
Impilo
Ingxaki yeTB entsha
Okuqhubekayo
Siphengulula iincwadi!
Iileta Zenu







Intshayelelo
OKUNGAPHAKATHI

Bhotani Bafundi, Xa unokucela umntu osemtsha ukuba akudwelisele zonke iingxaki zolutsha uya kukhankanya ukukhulelwa nokusetyenziswa kakubi kweziyobisi. Ngaba ikhona into enokwenziwa ukuphelisa ezi ngxaki nokwakha ilizwe elinempilo?

UTyhila Ufunde ukholelwa ukuba ngemfundo sinokwenza uluntu lwakowethu lukwazi ukwenza izigqibo ezifanelekileyo. Asizange siqalise ngoNgcelele Lwesondo kuba sikhuthaza ukuba neendibano zesondo nokuziphatha kakubi kolutsha, koko sasifuna ukufundisa ulutsha ukuze lwenze izigqibo ezifanelekileyo.

Kule Nyanga la makhasi aqwalasela umba Wokukhulelwa ungathandi. Sikuchazela ngezinto onokuzenza xa ukhulelwe ungathandi. Nkqu nasepalamente uyashukuxwa lo mba. Zibandakanye nawe!
Amabali Amafutshane
One of the three


Ukufunda ukubhala nokufunda Ukuthenga ngetyala



Imisebenzi
Imfundo yomntu wonke





Abafundi aba-5
banokuzizuzela iiSharp
Calculator
kukhuphiswano
lukaOktobha !
Umbuzo:	Funda inqaku ngezempilo. Kuthiwa yintoni uhlobo olutsha lweTB ? Impendulo-                             

Igama                                 



idilesi -                                 






                          Ubudala:        

Thumela le khuphoni uyincamathisele kumva wesposkhadi kule dilesi : TB Competition , Look and Learn , PO Box 35677, Northway , 4065. Luvalwa ngomhla wama-25 kuOktobha 1996.




Abafundi Abatsha
AMABALl AMAFUTSHANE
Kukho into okhe wayiva eyonwabisayo? UTyhila Ufunde noUlwazi Radio
bayakukhuthaza ukuba uqalise ukufunda nokuphulaphula amabali
ahlukeneyo aseMazantsi eAfrika. Kule nyanga sikuphathele ibali
elingabahlobo abathathu beBala ngeminyaka yocalucalulo lweentlanga
elabhalwa nguPeter Abrahams ngo-1942. Eli bali liyaqhutywa

nakunomathotholo.

Omnye wesi sithathu





























Emva kokudibana kwethu sobathathu sevana kangangokuba kwakungangeni moya phakathi kwethu. UTommy , uJohnny nam sasifunda ibanga elinye yaye sigqithele nakwamanye amabanga kunye. UTommy noJohnny kuphela kwabahlobo endandinabo esikolweni .


UTommy wayeneminqweno emininzi. Wayefuna ukuphelisa
ubuhlwempu. Wayefuna ukufumana imali eyaneleyo ebomini ukuze aphumze unina kuxanduva lokuvasela uyise. Wayemthanda gqitha unina. Kwakukuphela konyana wabo, yaye wayehlala nabazali bakhe. Babemxelela ukuba liphelile elabo ixesha sebelindele ukubona ubomi bonyana wabo. Oko kwenza omnye weminqweno yakhe yakukwakhela abazali
bakhe indlu enkulu
abakhuphe
kwexineneyo
ababehlala
kuyo, baphumle nasekusebenzeni. Omnye umnqweno yayikukuba afumane umsebenzi omhle ukuze aqokelele imali yokutshata intombi yeBala entle. Wayesebenza nzima kuba efuna ubomi obumnandi. Wayefuna ukufumana isiqinisekiso sokuba yititshala . Sasimgxeka sinoJohnny ngokuba nomnqweno ekunzima ukuwufezekisa, kodwa sikunqwenela ukufana naye kwelinye icala. Oko kwakungamkhathazi tu, wayesuka asihleke athi unqwenela ukwenza izinto ezinkulu qha ubethwa kukuba ukhule etsala nzima, ngoko wayengenako ukuqhubeka nokutsala nzima efuna into angenakuyifumana. Wayesoloko esixelela ukuba apha kuseMzantsi-Afrika, yonke into ilungiselelwe abeLungu kuphela.


Sasinqwenela ukucinga njengaye sinoJohnny . Sasisazi ukuba kukhuselekile oko; kodwa thina sangaliboni njengoTommy ingomso.










Abafundi
Abatsha
AMABALI
AMAFUTSHANE



UTommy wayethandana nentombi eyayisebenza eHill . Yayintle yaye ingumntu wabantu. Wayethanda ukuthetha izinto ezilula nayo, wayengazithethi nayo izinto ezibalulekileyo kuthi sobathathu. Yayingakuthandi ukufunda iincwadi, kanti UTommy wayekuthanda ukufunda iincwadi nokuphulaphuta umculo. Le ntombi yazama nje yona ukuba ifane noTommy .

Le ntombazana yayityhilekile yaye sasiyithanda sinoJohnny njengodade. Oko kusenokuvakala kumangalisa, kanti akunjalo. Nkqu noTommy wayengathethi ngokuthandana okunenjongo. Wayesithi kunzima ukufumana intombi emfaneleyo kweli lizwe ngenxa yemeko zelizwe. Ngoko wayonwabile nesithandwa sakhe.

Nathi sazama ukwenjenjalo sinoJohnny , kodwa amalinge ethu awa phantsi. uJohnny wayengafani tu noTommy . Sasingabantu abangafaniyo kangangokuba andiyazi into eyayisenza sivane.

UJonny wayekuthanda ukuncokola yaye engumntu onengxolo. Wayesoloko esenza izinto ezingalunganga. Wayesoloko ezifaka ezingxakini kuze kufuneke simncede sinoTommy . Ebantwini abangamaziyo wayengumntu ongachanekiyo ukuba unjani nongakhathaliyo.

Umama wakhe wayebulewe yindlala. Wayesesikolweni yena ngelo xesha, ngoko wayiva emva kwexesha elide loo nto. Wayezibulala ngendlala kuba efuna ukufundisa unyana wakhe yaye yena wayengayazi loo nto. Emva wachitha ixesha elininzi eyedwa yaye ethe cwaka. Nkqu nathi sinoTommy sasingafikeleli kuye. Wayengangeneki tu. Kuthi WayesenguJohnny esimaziyo qha engonwabanga. Wayetshintshile kumntu wonke. Kodwa akazange ayeke ukuphoxa abantu uJohnny , yaye wayenobuchule bokususa uchuku. Babembalwa abantu ababemqonda, uninzi lumgxeka.

Nobam ubomi babufana nobabo. Ndandilihlwempu, ndifuna intombi eza kuba liqabane lam nezinye izinto
onokuzifumana emfundweni xa ungenguye uMlungu eMzantsi-Afrika.

Sathi sakugqiba ukufunda kwisikolo sethu sehlukana, yangulowo wabheka kwelakhe icala. UTommy wayefuna nathi sibe ziititshala . Wayesithi:
Kunceda ngantoni ukufunda into ungazukufumana mali ngayo? uJohnny wayenqwenela ukubona iindawo zehlabathi. Ndathi mna ndiza kuhamba-hamba ukuze ndazi abantu, ndizame nokuziphilisa ngokuba ngumbhali. Bobabini babekhathazekile yimeko yomzimba wam, kodwa mna ndandizimisele.

Savumelana ukuba siya kusoloko siqhagamshelana, saza sohlukana. uJohnny



132 BONA XHOSA - October 1996

2 BONA XHOSA - October 1996

	AbakwaMondi paper bafundisa wonk'umntu

		BONA XHOSA - October 1996 3

	AbakwaMondi paper bavuyisana neBona ngempumelelo yeminyaka engama-40

4 BONA XHOSA - October 1996

	inkampani ephamhili kweli ekuveliseni amaphepha okushicilela, awoshishino nawekufundisa

